UkungaTshati
Kutheni ukungatshati kunokujongwa njengesiphiwo?
Kutheni kunokuba yinto erongo ukunyanzelisa umKristu ongatshatanga ukuba atshate?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Rom 14:10-12—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba kutheni kurongo ukugweba omnye umKristu
-
1Ko 9:3-5—Umpostile uPawulos unelungelo lokutshata; kodwa ukungatshati kwakhe kumnceda akwazi ukusebenzela uYehova kakhulu
-
Ngaba abantu abangatshatanga bafanele bacinge ukuba kufuneka batshate ukuze bonwabe?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
ABa 11:30-40—Intombi kaYifeta ihlala ingatshatanga futhi yenza into ebalulekileyo ngobomi bayo
-
IZe 20:35—Amazwi kaKristu abonisa ukuba wayonwabile ngoku engatshatanga kuba wayesipha
-
1Te 1:2-9; 2:12—Umpostile uPawulos, oyindoda engatshatanga, uchaza izinto ezimenza avuye futhi aneliseke emsebenzini kaYehova
-
Kutheni abantu abangatshatanga befanele bahlale beziphethe ngendlela ecocekileyo njengabo bonke abakhonzi bakaThixo?
1Ko 6:18; Gal 5:19-21; Efe 5:3, 4
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
IMi 7:7-23—UKumkani uSolomon uchaza into ebuhlungu eyenzeka kumfana ovumela ukuqhathwa ngumfazi oziphethe kakubi
-
Ngo 4:12; 8:8-10—UmShulamikazi uchazwa ngendlela encoma ukuziphatha kwakhe ngendlela ecocekileyo
-
Kunini apho umntu ongatshatanga kunokuba bubulumko ukuba acinge ngokutshata?
Jonga nama-1Te 4:4, 5