UkuThobeka
UYehova ubajonga njani abantu abathobekileyo nabanempakamo?
Nd 138:6; IMi 15:25; 16:18, 19; 22:4; 1Pe 5:5
Jonga neMi 29:23; Isa 2:11, 12
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Kr 26:3-5, 16-21—UKumkani u-Uziya unekratshi; wophula uMthetho kaThixo aze abe nomsindo xa elungiswa; uThixo umbetha ngeqhenqa
-
Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ukuze acacise indlela uYehova aziva ngayo ngabantu abanempakamo nabathobekileyo
-
Wenza ntoni uYehova xa umntu eguquka ngokuthobeka nangokunyaniseka?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Kr 12:5-7—UKumkani uRehobhoham neenkosana zakwaYuda bayazithoba kuYehova baze basinde kwintlekele
-
2Kr 32:24-26—UKumkani uHezekiya olungileyo ungenwa likratshi, kodwa uYehova uyamxolela esakuzithoba
-
Ukuthobeka kusinceda njani siye sivana kakuhle nabanye abantu?
Efe 4:1, 2; Fil 2:3; Kol 3:12, 13
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 33:3, 4—UYakobi uzithoba kakhulu xa edibana nomntakwabo owayekade enomsindo, uEsawu, ize loo nto yenze kuphinde kubekho uxolo phakathi kwabo
-
ABa 8:1-3—Ngokuzithoba, uMgwebi uGidiyon uxelela amadoda akwaEfrayim ukuba makhulu kunaye, ize loo nto iwehlise umsindo wawo inqande nomlo
-
UYesu Kristu wayifundisa njani indlela ekubaluleke ngayo ukuthobeka?
Mat 18:1-5; 23:11, 12; Mar 10:41-45
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Isa 53:7; Fil 2:7, 8—Kanye njengoko kwakuprofetiwe, ngokuthobeka uYesu uyavuma ukuza emhlabeni nokufa ngendlela ebuhlungu nelihlazo
-
Luk 14:7-11—UYesu uthetha ngendlela ekuhlalwa ngayo kwitheko ukuze azekelise indlela ekunceda ngayo ukuthobeka
-
Yoh 13:3-17—UYesu uba ngumzekelo kubalandeli bakhe ngokuzithoba enze umsebenzi wesicaka wokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe
-
Ukuzijonga ngendlela uYehova asijonga ngayo nokujonga abanye abantu ngaloo ndlela, kusinceda njani sithobeke?
Kutheni kungancedi nganto ukuzenza ngathi sithobekile singathobekanga?