Yintoni UBukumkani BukaThixo?
Ucinga ukuba . . .
-
yinto esentliziyweni yakho?
-
ngurhulumente osezulwini?
-
yenye into?
ITHINI IBHAYIBHILE?
“UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe.”—Daniyeli 2:44, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Sinikwe unyana; yaye ukuba ngurhulumente kubekwe emagxeni akhe.”—Isaya 9:6; umbhalo osemazantsi.
INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?
-
Urhulumente onokukunceda.—Isaya 48:17, 18.
-
Kwihlabathi elitsha elizayo, asizukugula ibe siza konwaba.—ISityhilelo 21:3, 4.
NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?
Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:
-
UYesu wabonisa izinto eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele uBukumkani BukaThixo nokuba kwenziwe ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) Wabonisa indlela oza kuphendulwa ngayo loo mthandazo.
Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wondla abantu, waphilisa abagulayo waza wavusa abaswelekileyo. (Mateyu 15:29-38; Yohane 11:38-44) NjengoMlawuli woBukumkani BukaThixo, wabonisa izinto uBukumkani obuza kuzenzela abantu.—ISityhilelo 11:15.
-
Izinto ezenzeka ehlabathini ziqinisekisa ukuba uBukumkani BukaThixo sele buza kufika. UYesu watsho kwakudala ukuba xa uBukumkani sele buza kufika, buzise uxolo emhlabeni, kuza kuqala kubekho iimfazwe, indlala neenyikima.—Mateyu 24:3, 7.
Ezo zinto ziyenzeka namhlanje. Ngenxa yaloo nto, sinokuqiniseka ukuba uBukumkani BukaThixo sele buza kuziphelisa zonke iingxaki ezikhoyo.
NANK’ UMBUZO
Kuza kuba njani xa kulawula uBukumkani BukaThixo?
IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KWINDUMISO 37:29 NAKUISAYA 65:21-23.