INGOMA 124
Namathela KuYehova
-
1. Namathela kuYehova,
Ubonise uthando.
Njengabantu bakaThixo
Abazinikeleyo,
Usinika imithetho,
Yaye siyamthobela.
Masimthembe, masimthande.
Uya kusikhusela.
-
2. Namathela ebandleni,
Manyana nabo bonke.
Thanda bonke ebandleni
Ngamazwi nangezenzo.
Hlonela bonke abantu
Ngokungazenzisiyo.
IZibhalo zosinceda
Sihlale ngomanyano.
-
3. Namathela, ungagungqi,
Uthembeke kuThixo.
Xa unikwa umyalelo
Zithobe uwamkele.
Ngoko ke wosikelelwa
NguThixo onothando.
Namathela, kuYehova,
Ukuze akuxhase.
(Funda nezi: INdu. 149:1; 1 Tim. 2:8; Heb. 13:17.)