Yiya kwinkcazelo

Iifoto Zesixhenxe ZaseWarwick (Ukususela NgoSeptemba 2016 Ukuya Kutsho NgoFebruwari 2017)

Iifoto Zesixhenxe ZaseWarwick (Ukususela NgoSeptemba 2016 Ukuya Kutsho NgoFebruwari 2017)

Kwezi foto, kuboniswa indlela ogqitywe ngayo umsebenzi kwikomkhulu elitsha lamaNgqina KaYehova nezinto ezenziwe ngabazalwana noodade abasebenza ngokuzithandela kwezi zakhiwo phakathi kukaSeptemba 2016 noFebruwari 2017.

Ifoto yesakhiwo esipheleleyo saseWarwick. Phezulu ngasekhohlo:

  1. Igaraji

  2. Indawo Yokupaka Iimoto Zeendwendwe

  3. Indawo Yokulungisa Izinto Ezonakeleyo/Indawo Abapaka Kuyo Abahlali

  4. Isakhiwo B Sokuhlala

  5. Isakhiwo D Sokuhlala

  6. Isakhiwo C Sokuhlala

  7. Isakhiwo A Sokuhlala

  8. Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

NgoSeptemba 8, 2016​—EWarwick

Zonke izakhiwo zaseWarwick ziyasetyenziswa ngoku. Ekuqaleni kukaSeptemba, bekuhlala abantu abamalunga ne-500 kuzo. Abakhi abangamavolontiya nabasebenzi baseBheteli abasuka eBrooklyn.

Septemba 20, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Umntu uhlola iitiles ezimenyezelayo ezidlula kuzo iindwendwe xa ziye kubuka umboniso onomxholo othi “Isizwana Segama LikaYehova.” Ezi tiles zenziwe zabonakala izezakudala ukuze zihambisane nomxholo walo mboniso.

Septemba 28, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Kwitekisi yokuqala ngqa ukuqhutywa eWarwick, usihlalo yayililungu leQumrhu Elilawulayo, uStephen Lett. Wafunda ileta ebulela amavolontiya angaphezu kwe-27 000 aye ancedisa ekwakheni ezi zakhiwo zitsha kunye nabanye abancedise ngezinye iindlela.

Oktobha 3, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Kufakwa oonobumba bamagama athi “Isizwana Segama LikaYehova.” Kule ndawo inala magama kuboniswa ngamaNgqina KaYehova ukususela kwiminyaka yoo-1870 ukuza kutsho kule yethu.

Oktobha 5, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

IKomiti Yokubhala iba nentlanganiso nabazalwana abayincedisayo kunye nabo bakwiSebe Lokubhala. Kubakho iiTV ezinkulu ezibonisa imifanekiso eza kusetyenziswa kwiimpapasho eziza kukhutshwa. Ezi TV zinceda nasekubeni abazalwana abakwamanye amasebe bakwazi ukufak’ isandla kule ntlanganiso. Kwafuduswa netafile eyayiseBrooklyn yasiwa eWarwick.

Oktobha 20, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Umzalwana oncedisa kwiKomiti YabaNxibelelanisi kunye nabazalwana asebenza nabo bathetha ngendlela abanokunceda ngayo kwiiPhilippines ezintlithwe yiNkanyamba Enkulu uHaima (Lawin) ngezolo. Izinto zokuncokola ngevidiyo zinceda amasebe akwikomkhulu alungise izinto ezingxamisekileyo, aze akwazi ukuthetha nabazalwana abakwiiBheteli ezisehlabathini.

Oktobha 28, 2016​—Indawo Yokulungisa Izinto Ezonakeleyo/Indawo Abapaka Kuyo Abahlali

Kukho idama eliphakathi kwendawo Yokulungisa Izinto Ezonakeleyo nendlela engenayo. Eli dama namanye aseWarwick ayakwazi ukucoca amanzi emvula, nto leyo ebangela ukuba kongeke imali eninzi ebiza kusetyenziswa xa kuthengwa izinto zokucoca amanzi. La manzi anceda izityalo nezilwanyana ezilapha.

Novemba 4, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Abazalwana bothula iimpahla. Ngabazalwana abamalunga ne-80 abancedisa ekuthutheni iimpahla zabazalwana abasuka eBrooklyn.

Disemba 14, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Ababhaki bakhuphela intlama etafileni. Ekubeni le ntlama ininzi kakhulu, iphakanyiswa ngomatshini ukuze kube lula ukuyibeka etafileni. Indawo ekubhakelwa kuyo inesixhobo esibizwa ngokuba yiretarder/proofer, esikwaziyo ukwenza intlama inyuke ngokukhawuleza okanye ithathe ixesha. Esi sixhobo sicuthela ababhaki umsebenzi abawenza qho ngeveki.

Disemba 14, 2016​—Indawo Yokulungisa Izinto Ezonakeleyo/Indawo Abapaka Kuyo Abahlali

Abazalwana abacocayo bakhupha inkunkuma. Izakhiwo zaseWarwick azifani nezaseBrooklyn. Zona zisondelelene, ngoko akufuneki bazalwana baninzi neemoto ezininzi zokuthutha inkunkuma nezinye izinto ezisenokuphinda zisetyenziswe.

Disemba 14, 2016​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Ngaphambi kokuba iayinwe, ibhlawuzi ifefwa ngamanzi ize ifakwe kumatshini wokuyiayina. ISebe Lokuhlamba Iimpahla lihlamba iimpahla ezimalunga neekhilogram eziyi-5 000 veki nganye. Ezi mpahla ziba nento ebhaliweyo ukuze zaziwe ukuba zezikabani zize zisiwe kwindawo yazo.

Disemba 20, 2016​—Indawo Yokulungisa Izinto Ezonakeleyo/Indawo Abapaka Kuyo Abahlali

Umzalwana ulungisa umatshini wokuphakamisa izinto ezinzima ukuze uhlale ixesha elide uze ungabonzakalisi abantu abawusebenzisayo.

Januwari 10, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Umzalwana olungisa ikhompyutha uqinisekisa ukuba ikhompyutha iwudlala kakuhle umboniso onomxholo othi “Ukholo Olunemisebenzi.”

Januwari 11, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Kulungiswa ibhayisekile ka-1903 eza kusetyenziswa kumboniso onomxholo othi “Isizwana Segama LikaYehova.” Le bhayisekile ilungiselelwa ukubonisa ukuba aBafundi BeBhayibhile (abaziwa ngokuba ngamaNgqina KaYehova) babesebenzisa iibhayisekile xa beshumayela.

Januwari 12, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Kufakelwa iglasi yomboniso wezinto ezazisetyenziswa kwi-“Photo-Drama of Creation,” eyayinemifanekiso yeBhayibhile eshukumayo eyaqala ukudlalwa ngo-1914, neyabukelwa ngabantu abamalunga ne-9 miliyoni.

Januwari 12, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Kulungiswa iZurich Latin Bible ukuze ifakwe kumboniso onomxholo othi “IBhayibhile Negama LikaYehova.” Uphawu olubomvu esilubonayo lukhombe kwigama likaThixo, uYehova. Abaqokeleli beencwadi zakudala benze iinzame ukuze balungise amaphepha eeBhayibhile ezigugileyo. Ngokomzekelo, baye bafaka phepha ngalinye kwindawo yalo baze baqiniseka ukuba le Bhayibhile bayibeka kwindawo engazukonakala lula kuyo.

Januwari 16, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Iindwendwe ezibukiswa iWarwick ngumzalwana waseBheteli zimi kwesona sakhiwo siphezulu esibonisa zonke izakhiwo zakhona. Ukususela ngoAprili 3, 2017, abantu baye bavunyelwa ukuba babuke izakhiwo zaseWarwick. Abo bafuna ukuya kubuka bafanele babhalise usuku nexesha abaza kuya ngalo kwiwebhsayithi yethu, kwindawo ethi, INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IIOFISI NOKUKHENKETHA.

Januwari 19, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Uhlelo lokuqala lweBhayibhile iKing James Version ka-1611 lufakwa kwindawo yalo kumboniso. Ezi ndawo zenziwe ngabazalwana baseWarwick ngohlobo oluqhelekileyo ekuhlaleni.

Januwari 19, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Udade ufaka umnqwazi kwenye yeendawo ezibukwayo. Lo mnqwazi wawungokaJoseph F. Rutherford owayekhokela kumsebenzi wamaNgqina KaYehova kwiminyaka eyi-100 edlulileyo. Kulo mboniso unomxholo othi “Isizwana Segama LikaYehova,” kuboniswa nezinye iindlela awayezishumayela ngazo amaNgqina iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuloo minyaka.

Januwari 20, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Kurekhodwa into eza kumanyelwa kumboniso othi “IBhayibhile Negama LikaYehova.” Emva kweveki befudusiwe oomatshini bokurekhoda eBrooklyn, baqalisa ukusebenza eWarwick. Kwigumbi lokurekhoda lakhona, kurekhodwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha, IMboniselo noVukani!, amanye amanqaku ejw.org nezinye izinto.

Januwari 27, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Udade upeyinta emacaleni ifoto ekumboniso othi “Isizwana Segama LikaYehova.” Le foto nezinye zibonisa aBafundi BeBhayibhile ababephila kwiminyaka yoo-1800.

Februwari 15, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Udade upeyinta uSihle, odla ngokubakho kwiividiyo ezinomxholo othi, Yiba Ngumhlobo KaYehova. Uza kuvela kwindawo ebonisa izixhobo eziye zaveliswa ngamaNgqina KaYehova kulungiselelwa ngokukhethekileyo abantwana.

Februwari 15, 2017​—Iiofisi/Izakhiwo Zokusebenzela

Umzalwana usika iifoto neebhodi eziza kufakwa kumboniso othi “Isizwana Segama LikaYehova.” Abantu abangaphezu kwe-250 babesebenza kwiindawo ezintathu zemiboniso, abenza iikhabhathi, abasebenza ngeekhompyutha, iidesigners, abombane, abafaka iitiles, abasebenza ngeevidiyo nababhali. Aba bazalwana bawuqala phantsi lo msebenzi de wagqitywa