AGASTi 22, 2017
EAUSTRIA
Kwidolophu YaseOstriya Kuhlonitshwa AmaNgqina KaYehova Ayi-31 Awabulawa NgamaNazi
ESELTERS, eJamani—Ngentsasa yangoMeyi 19, 2017, umasipala waseTechelsberg, eOstriya wakhumbula amaNgqina KaYehova awabulawa okanye avalelwa kwiinkampu zoxinaniso ngamaNazi. Kwatyhilwa ilitye lesikhumbuzo elakhumbuza abantu ngamaNgqina ayi-31 “awabulawa ngenxa yenkqubo yobuSoshiyali eTechelsberg nakwiindawo ezikufuphi.”
Kwaqalwa ngengoma ethi “Phambili MaNgqina” eyayiculwa ziimvumi eziyi-60 zingasebenzisi zixhobo zomculo. Le ngoma, ethathwe kuyo ingoma esaculwayo ngamaNgqina kwiintlanganiso zawo, yaqanjwa kwinkampu yoxinaniso eSachsenhausen nguErich Frost, oliNgqina elabanjwa ngamaNazi ngeMfazwe Yehlabathi II. Emva kwale ngoma, uMnu. Johann Koban (usodolophu waseTechelsberg), uMnu. Peter Stocker (umzukulwana kaGregor Wohlfahrt, Omkhulu owabulawa eTechelsberg), uProfesa Peter Gstettner, uProfesa Vinzenz Jobst noGqr. Peter Kaiser (umphathi wephondo), bathetha nabantu abamalunga ne-350 ababelapho. Esi sikhumbuzo kwakuthethwa ngaso kwizitishi zeendaba zaseOstriya, iORF 2 neORF Kärnten, nakumaphephandaba.
NgeMfazwe Yehlabathi II, kumaNgqina aseOstriya ayi-550, ayi-212 asiwa kwiinkampu zoxinaniso etyholwa ngokuba ayingozi kulawulo lwaseJamani lobuSoshiyali ngenxa yokuba ayengathathi cala kwiipolitiki kwaye engafuni nokuxhasa imfazwe. Kwiinkampu zoxinaniso amaNgqina KaYehova ayenyanzelwa ukuba kwiiyunifom zawo afake amalaphu apurple asikwe ayitriangle. Ayeza kwahlulwa ngawo kwamanye amabanjwa. Kwabulawa amaNgqina aseOstriya ayi-154.
Ngaphambi kweso sikhumbuzo, kwilitye elalibhale abantu abafa emfazweni, amaNgqina amahlanu aseTechelsberg awabulawa ngamaNazi (uJohann Stossier, uAnton Uran, uGregor Wohlfahrt, Omkhulu, uGregor Wohlfahrt, Omncinci noWillibald Wohlfahrt) kwathiwa “alahleka,” nto leyo eyayibubuxoki. UProfesa Gstettner wachaza eyona nto lenzelwe yona eli litye, esithi: “Libangela ukuba abantu bazi eyona nto yenzekayo, babakhumbulele into eyinyaniso aba bantu, abathi ngesibindi nangokubambelela kukholo lwabo, babonisa ukuba kulungile ukungavumi ukwenza izinto ezinyanzeliswa yinkqubo ebulwanyanarha, kwaye xa usenjenjalo, ekugqibeleni uyoyisa.”
Isithethi samaNgqina KaYehova eOstriya, uJohann Zimmermann, sithi: “Siyazixabisa izikhumbuzo ezinjengezi, ezibonisa isibindi nokholo analo amaNgqina KaYehova nokuba atshutshiswa kabuhlungu kangakanani. Siyathemba ukuba esi sikhumbuzo senze abantu bacingisisa kakuhle ngenkohlakalo enokwenziwa kwiqela elincinci labantu xa linokutyholwa ngokuba liyingozi kuRhulumente.”
Onokuqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EOstriya: UJohann Zimmermann, +43-1-804-53-45
EJamani: UWolfram Slupina, +49-6483-41-3110