Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 15, 2018
EHAITI

Kwenzeke Inyikima Emantla aseHaiti

Kwenzeke Inyikima Emantla aseHaiti

Ngomhla kaOktobha 6, 2018 ebingoMgqibelo kwenzeka inyikima emntla waseHaiti, kwaza kwasweleka abantu abayi-17 baze abayi-300 bonzakala.

Akukho bazalwana baswelekileyo, kodwa kukho abavakalisi ababini abonzakele kancinci. Ingxelo esuka kubaveleli besiphaluka ibonisa ukuba kudilike imizi eyi-44 neeHolo ZoBukumkani eziyi-4. Kwisixeko sasePort-de-Paix, phantse abazalwana abayi-50 neentsapho zabo baye bafudukiswa ngenxa yokuba amakhaya abo akasakhuselekanga ngenxa yenyikima. Ezi ntsapho zinyamekelwa libandla lasekuhlaleni. Omnye wabazalwana abasebenza kwiKomiti yeSebe yaseHaiti kunye nabazalwana ababini abasebenza kwiSebe Lokwakha batyelele iindawo eyenzeke kuzo le nyikima ukuze babone umonakalo owenzekileyo bakhuthaze nabachaphazelekileyo. IKomiti Yokunceda Ngexesha Lentlekele yenzelwe ukunceda abantu abehlelwe yintlekele.

Siqhubeka sibathandazela abazalwana bethu abaseHaiti. Siyayixabisa into yokuba uTata wethu wasemazulwini onothando uthembise ukuba uza kubathuthuzela abakhonzi bakhe abathembekileyo.—INdumiso 119:76.