Yiya kwinkcazelo

JULAYI 3, 2014
EMEXICO

AmaNgqina Abonisa Ngoncwadi Lwawo KwiSixeko SaseMexico

AmaNgqina Abonisa Ngoncwadi Lwawo KwiSixeko SaseMexico

KWISIXEKO SASEMEXICO—AmaNgqina kaYehova ebekunye nemibutho eyi-150 eprinta uncwadi kumboniso wokuqala weencwadi olungiselelwe sisixeko saseMexico. Lo mboniso ububanjwelwe kwiWorld Trade Center yeSixeko saseMexico ukususela ngoAprili 25 ukuya kutsho ngoMeyi 4, 2014, yaye sele kudlule iminyaka eyi-50 uqhutywa. Bekukho abantu abamalunga nabayi-20 000.

AmaNgqina aye abonisa ngeencwadi, iimagazini neevidiyo zawo ezahlukahlukeneyo. Aphinda abonisa nangewebhsayithi yawo ethi, www.mr1310.com, apho abantu banokuzifumanela uncwadi ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-650. Abantu ababezile bathatha uncwadi olungaphezu kwe-1 600 yaye abanye bacele ukutyelelwa emakhayeni abo. AmaNgqina kaYehova awabizi mali xa ekutyelela okanye xa ekunika uncwadi lwawo.

Isithethi samaNgqina kaYehova eMexico, uGamaliel Camarillo, uthi: “Isivuyise gqitha into yokubona ukuba baninzi abantu abebenomdla eBhayibhileni, kwiwebhsayithi nakuncwadi lwethu. Ngumsebenzi wethu ukunceda abantu bafumane uncwadi olulolu hlobo xa kanye beludinga. Lo mboniso uye wayimpumelelo kakhulu.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EMexico: UGamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048