Yiya kwinkcazelo

Kuthetha Ukuthini Ukuzalwa Ngokutsha?

Kuthetha Ukuthini Ukuzalwa Ngokutsha?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ibinzana elithi “ukuzalwa ngokutsha” libhekisela kubuhlobo obutsha phakathi kukaThixo nomntu ozalwa ngokutsha. (Yohane 3:3, 7) UThixo ubenza abantwana bakhe abo bazalwa ngokutsha. (Roma 8:15, 16; Galati 4:5; 1 Yohane 3:1) Ngokufanayo nabo bamkelwe ngokusemthethweni, batshintshelwa ekubeni yinxalenye yentsapho kaThixo.—2 Korinte 6:18

Kutheni umntu ezalwa ngokutsha?

UYesu wathi: “Ngaphandle kokuba nabani na azalwe kwakhona, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3) Ngoko ukuzalwa ngokutsha kulungiselela umntu ukuba alawule noKristu kuBukumkani bukaThixo. Obu Bukumkani bulawula busezulwini, ngoko iBhayibhile ichaza ‘ukuzalwa ngokutsha’ njengokunikwa ilifa ‘elibekwe emazulwini.’ (1 Petros 1:3, 4) Abo bazalwa ngokutsha banikwe isiqinisekiso sokuba baza “kulawula ndawonye njengookumkani” kunye noKristu.—2 Timoti 2:12; 2 Korinte 1:21, 22.

Uzalwa ngokutsha njani umntu?

Xa uYesu wathetha ngalo mba, wathi abo bazalwa ngokutsha baya ‘kuzalwa ngamanzi nomoya.’ (Yohane 3:5) Eli binzana libhekisela ekubhaptizweni emanzini kuze kulandele ukubhaptizwa ngomoya oyingcwele.—IZenzo 1:5; 2:1-4.

UYesu waba ngumntu wokuqala ukuzalwa ngokutsha. Wabhaptizwa kuMlambo iYordan, emva koko wathanjiswa nguThixo (okanye, wabhaptizwa) ngomoya oyingcwele. Ngolo hlobo uYesu wazalwa ngokutsha njengonyana kaThixo wokomoya enethemba lokubuyela ezulwini. (Marko 1:9-11) UThixo walizalisekisa elo themba ngokumvusa njengesidalwa esingumoya.—IZenzo 13:33.

Abanye abazalwa ngokutsha baqala babhaptizwa emanzini ngaphambi kokufumana umoya oyingcwele. a (IZenzo 2:38, 41) Baba nethemba eliqinisekileyo lokuphila ezulwini, themba elo uThixo aza kulizalisekisa ngovuko.—1 Korinte 15:42-49.

Ubuxoki ngokuzalwa ngokutsha

Ubuxoki: Umntu ufanele azalwe ngokutsha ukuze afumane usindiso okanye abe ngumKristu.

Inyani: Ukuzincama kukaYesu kuzisa usindiso kungekuphela kwabo bazalwa ngokutsha ukuze balawule noKristu ezulwini kodwa kwanabo basemhlabeni baza kulawulwa buBukumkani bukaThixo. (1 Yohane 2:1, 2; ISityhilelo 5:9, 10) Eli qela lesibini lamaKristu linethuba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni.—INdumiso 37:29; Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 21:1-5.

Ubuxoki: Umntu unokuzikhethela ukuzalwa ngokutsha.

Inyani: Ithuba lokuba nobuhlobo noThixo nokusindiswa linokufunyanwa ngumntu wonke. (1 Timoti 2:3, 4; Yakobi 4:8) Noko ke, bakhethwa nguThixo abo baza kuzalwa ngokutsha okanye abaza kuthanjiswa ngomoya oyingcwele. Ngokusuka eBhayibhileni, ukuzalwa ngokutsha “kuxhomekeke, kungekhona kulowo unqwenelayo nakulowo ubalekayo, kodwa kuThixo.” (Roma 9:16) Ibinzana elithi ‘ukuzalwa ngokutsha’ linokuphinda libhekisele “ekusukeni phezulu,” nto leyo ebonisa ukuba ukhetho lwabo bazalwa ngokutsha “lusuka phezulu” okanye kuThixo.—Yohane 3:3.

a Kwenzeka okufanayo nakuKorneli nakwabo wayekunye nabo.—IZenzo 10:44-48.