Yiya kwinkcazelo

Ukoyika Ukufa—Unokukoyisa Njani?

Ukoyika Ukufa—Unokukoyisa Njani?

Iimpendulo esuka eBhayibhileni

 Siyakoyika ukufa, sifanele ke phofu, kuba lutshaba ibe zikho izinto esizenzayo ukuze sizikhusele. (1 Korinte 15:26) Noko ke, ukoyika ukufa okubangelwa ziimfundiso zobuxoki naziinkolelo kwenza abantu ‘babe bangamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.’ (Hebhere 2:15) Ukwazi inyaniso kuyasikhulula ekoyikeni ukufa, olo loyiko lunokusenza singabonwabeli ubomi.​—Yohane 8:32.

Inyaniso ngokufa

  •   Abafi abazi nto. (INdumiso 146:4) Akuyomfuneko ukoyika ukuqaqanjelwa okanye ukuthuthunjiswa emva kokuba uswelekile, kuba iBhayibhile ifanisa ukufa nokulala.​—INdumiso 13:3; Yohane 11:11-14.

  •   Abafi abanakusenzakalisa. Kwaneentshaba zethu ebezinogonyamelo ziza kube ‘zingenamandla ekufeni.’ (IMizekeliso 21:16) IBhayibhile ithi, “intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala.”​—INtshumayeli 9:6.

  •   Ukufa akusosiphelo sethu. Xa evusa abantu, uThixo uya kubuyisela ebomini abafi .​—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.

  •   UThixo uthembisa ukuba kuza ilixa ‘lokungabikho kokufa.’ (ISityhilelo 21:4) Ithetha ngolo suku iBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”​—INdumiso 37:29.