Yiya kwinkcazelo

Izigulane EzingamaNgqina Zisoloko Zichacha Ngokukhawuleza

Izigulane EzingamaNgqina Zisoloko Zichacha Ngokukhawuleza

EOSTRELIYA: “Izigulane ezingamaNgqina kaYehova—ezingakhange zivume ukutofelwa igazi ngenxa yonqulo lwazo—zichacha ngokukhawuleza kunezinye izigulane,” litsho njalo inqaku elikwiThe Sydney Morning Herald kaOktobha 2, 2012.

Le ngxelo icaphula uNjingalwazi Wezonyango uJames Isbister weSikolo Sezonyango eSydney, kwiYunivesithi yaseSydney. Eli phepha lithi: “UNjingalwazi uIsbister wathi amaNgqina kaYehova ayefumana unyango olubhetele kuba oogqirha babezama ukukhusela igazi lawo [izigulane ezingamaNgqina]. Ngenxa yoko uninzi lwawo alufi, yaye aluhlali njengabantu abatofelwe igazi esibhedlele.”

Asinguye lo gqirha kuphela othetha ngolu hlobo. Ithetha ngamaNgqina abetyandwe intliziyo, iArchives of Internal Medicine, kaAgasti 13-27, 2012, ithi: “AmaNgqina akabi nazingxaki zinkulu yaye akahlali kakhulu esibhedlele njengezigulane ezitofelwe igazi.”